Home Iindaba Amapolisa aseGqeberha akhangela amakhwenkwe amabini alahlekileyo

    Amapolisa aseGqeberha akhangela amakhwenkwe amabini alahlekileyo

    By Asemahle Mbete

    Isebe elijongene nobuNdlobongela kuSapho, ukukhuselwa kwabantwana kunye noLwaphulo-mthetho lwezeSondo (FCS Unit eGqeberha) licela uncedo kuluntu ekukhangeleni amakhwenkwe amabini aneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala, uTegan Thornburn noBlessiing Mastongo, abathe baduka ngeCawe yomhla wamashumi amathathu(30) kweyoMsintsi kulonyaka.

    La makhwenkwe mabini ahlala kwiKhaya laBantwana lase-Erica e-Hillside, aphume kweliziko ngomhla okhankanywe ngasentla kwaye abazange babuye.

    Kufunyenwe ulwazi lokuba la makhwenkwe agqityelwe ukubonwa kwingingqi yaseSummerstrand.

    Amapolisa aphinda aqhuba nephulo lokugqogqa, ze emva koko iqela labecuphi laqhubeka nophando. Yonke le migudu ayizange iphumelele.

    Amapolisa acela nabani na onolwazi ngendawo akuyo lamakhwenkwe ukuba aqhagamshelane negosa eliphanda elityala, uD/WO Diane Goliath ku-071 475 1750 okanye iCrime Stop 08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufuphi kubo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks