Home Iindaba Amapolisa aseKariega akhangelisa ngosapho lomzimba ofunyenwe ubolile

    Amapolisa aseKariega akhangelisa ngosapho lomzimba ofunyenwe ubolile

     

    Amapolisa aseKariega ivule uphando emva kokuba ifumene umzimba obolileyo wendoda engaziwayo ngoLwesibini eKariega.

    Ngokweenkcukacha, zamapolisa aseKariega aye afumana isikhalazo somzimba obolileyo owafunyanwa kwifama esemva kweMountain View, eKamesh. Lo mzimba ufunyenwe ngomnye wabahlali emva kokuba ebehamba kule ndawo esiya kwivenkile ekufutshane. Lo mzimba akaziwa kwaye ebenxibe ijean eblue nejacket e cream enee tekkie ezimhlophe naluhlaza.

    Kucelwa nabani na onokunceda ekuchongeni umfi uyacelwa ukuba aqhagamshelane neSAPS Kariega D/Cst Shaun Mbonda ku-076 595 7979 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye anike ingxelo kwisikhululo samapolisa esikufutshane.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks