Home Iindaba Amapolisa athi asakhangela ukubamba abanye abarhanelwa kwiNkampu yaseMpumalanga.

Amapolisa athi asakhangela ukubamba abanye abarhanelwa kwiNkampu yaseMpumalanga.

Omnye wabemi baseLibya abangamashumi alithoba anesihlanu (95) ababanjwe kwinkampu yomkhosi efihlakeleyo eMpumalanga uthi bathunyelwe eMzantsi Afrika ukuya kuqeqesho lokhuseleko.

Omnye wabemi baseLibya abangamashumi alithoba anesihlanu (95) ababanjwe kwinkampu yomkhosi efihlakeleyo eMpumalanga uthi bathunyelwe eMzantsi Afrika ukuya kuqeqesho lokhuseleko.

Kodwa iNational Prosecuting Authority ibonakalisa ukungayi kholelwa lonto.

I-NPA imangalele abarhanelwa ngokuchasana nomthetho wofuduko kwaye ithi ikwasebenzela ukufumana itoliki yesiArabhu xa bevela enkundleni kwakhona.
Amapolisa athi akakuthinteli ukuba kubanjwe abanye abantu njengoko beqhuba nophando.

Olu phando lumalunga nomnini wefama apho abantu baseLibya bathinjwa baye bafunyanwa khona.

Ityala lihlehliselwe umhla wesihlanu (5) kweyeThupha.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks