12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Amapolisa eCofimvaba acela uncedo malunga netyala lokubulala.

Kuvulwe amatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala, eCofimvaba.

Amapolisa acela uncedo kuluntu ukusombulula amatyala amabini okubulala nelokuzama ukubulala elenzeke kwisitalato iHigh Street, eCofimvaba izolo umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeThupha 2024.

Oku kulandela emva kokuba abemi abathathu base-Ethiopia abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini ukuya kumashumi amathathu anesihlanu ubudala bedutyulwa kwindawo yabo yoshishino eCofimvaba. Ngokweengxelo, kutyholwa ukuba amadoda amabini axhobileyo angene kwindawo yoshishino ze adubula angxwelerha la madoda mathathu. Basiwa esibhedlele, kwaye aba babini basweleka ngenxa yokonzakala ekufikeni kwabo ngelixa omnye engeniswe esibhedlele.

Kuvulwe amatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala, Iimeko ezingqonge isiganeko ziyinxalenye yophando.

Amapolisa acela uluntu ukuba luncedise ngolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabo basemva kwesi sehlo ukuba batsalele umcuphi uSajini uLuleka Vuyo Ngwane ku-078 818 5419 okanye inombolo yeCrimeStop 08600 10111

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks