Amapolisa eseNgcobo eMpuma Kapa akhangela indoda etyholwa ngokuqhekeza nokutshisa indlu ngoLwesithathu umhla weshum elinesibini ngokuhlwa, kwiNdawo yoLawulo yaseQutubeni, eNgcobo.
Ngokwengxelo yamapolisa, abamelwane baqaphele umlilo ovuthayo kwelikhaya ze bazisa amapolisa akufuphi nalengingqi. Ukufika kwayo amapolisa, afumanisa ukuba kwizindlu ezintathu zelikhaya, indlu enkulu yiyo etshisiweyo. Ezinye izindlu ezimbini ziye zophulelwa iifestile kwafunyanwa iingubo zokulala ezingekaqhaqhwa.
Ityala lokuqhekeza nokutshisa lavulwa ukuze kuphandwe. Akukabanjwa mntu okwalomzuzu njengoko uphando luqhuba.
Abakwantsasana bacela nabanina onolwazi ngesi siganeko ukuba anxulumane no-Detective Commander Lieutenant Thembelani Mfundisi waseNgcobo ku-082 441 8433.
Amapolisa eMpuma Kapa akhengela indonda malunga nokutshisa nokuqhekeza indlu, eNgcobo.
Newsletter Subscription
- Advertisement -
King William's Town
light rain
20.1
°
C
20.1
°
20.1
°
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27
°
Sun
18
°
Mon
21
°
Tue
18
°
Wed
28
°

