Kubulawe abarhanelwa abahlanu (5) abarhanelwa ukuba baphange imoto yemali emva kokudubulana namapolisa, eMpuma Koloni.
Kukholelwa ukuba baphange iveni yemali kufutshane nedolophu yaseMacLean ngentsasa yangoMvulo.
UNomthetheleli Mene, uMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uchaze ngelithi, bathe xa besondela endlwini, umrhanelwa waqalisa ukudubula amapolisa emva koko kwadutyulwana. Ukwathe, emva koko, abarhanelwa abahlanu (5) baye bonzakala ngokubhubha kwaza kwafunyanwa imipu eliqela kunye neemagazini neembumbulu, kwanemali ekurhaneleka ukuba ibiphangiwe kwidolophu yaseMaclean.
