Amapolisa aseNgangelizwe eMthatha acela kuluntu ukuba luncedise ekufumaneni uZolani Soga oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) wase-106 Mabhovula Street-Ngangelizwe, nowashiya ikhaya ze akaphinda abuye ngo-Okthobha ka-2024.
UZolani Soga wayenxibe ibhulukhwe emnyama kunye nebhatyi e-orenji. Onolwazi malunga nokuba uphi uZolani Soga makatsalele abecuphi baseNgangelizwe: iGosa loPhando – uConstable Isaac kule nombolo: 0829212429 okanye iNombolo yaseOfisini: 047 – 5350334 okanye iCrime Stop Number 0860010111.
