Home Iindaba Amapolisa oMzantsi Afrika abhaqe isiseko somkhosi ongekhomthethweni eMpumalanga.

Amapolisa oMzantsi Afrika abhaqe isiseko somkhosi ongekhomthethweni eMpumalanga.

INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) eMpumalanga, isebenzisana nequmrhu leliPhondo, kuquka iSebe leMicimbi yezeKhaya kunye nabanye abathathi-nxaxheba abafana nobuntlola bamaPolisa, baye babhaqa indawo ekurhanelwa ukuba yeyoqeqesho lomkhosi e-White River ze babamba abemi bamazwe angaphandle abangamashumi alithoba anesihlanu (95) malunga noku.

UMkomishinala obambeleyo wePhondo leSAPS eMpumalanga, uMajor General (uGqr) Zeph Mkhwanazi, ubize iProvincial Joint Structures (ProvJoints) kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo emva kokufumana ulwazi lobuntlola malunga nenkampu ekurhanelwa ukuba yiyo.

Oku kukhokelele kuphulo olwenziwa ngokudibeneye namhlanje, ngolwesiHlanu umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeKhala ngo-2024, nolukhokelele kugqogqo kunye nokubanjwa kwabemi bangaphandle.

Indawo, eyayichongiwe ekuqaleni njengendawo yoqeqesho, kubonakala ngathi iguqulwe yaba yindawo yoqeqesho lomkhosi engekho mthethweni.

Abantu abayi-95 abasiwe eluvalelweni bonke ngabemi baseLibya kwaye kungoku nje babuzwa imibuzo ngabasemagunyeni abafanelekileyo.

“Nakuphi na ukoyikisa ukhuseleko nozinzo lwephondo nelizwe lethu sikuthathela phezulu,” utshilo uMajor General Mkhwanazi. ”

“Lo msebenzi ubonisa ukuzibophelela kwethu ekusebenzeni ngokukhawuleza nangokuqinisekileyo ngokuchasene nayo nayiphi na imisebenzi enokusengela phantsi umdla wethu wesizwe kwaye siqinisekise ukhuseleko lwabemi bethu kuba lolona xanduva lwethu.”

Uphando lusaqhuba, kwaye iinkcukacha ezithe vetshe ziya kunikwa njengoko zifumaneka. I-SAPS ingathanda ukuqinisekisa uluntu ukuba akukho sigrogriso singxamisekileyo kukhuseleko loluntu.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks