18.2 C
King William's Town
Tuesday, September 17, 2024

‘Amaqela emigewu angathatha ulawulo kurhulumente’: Utshilo umhlalutyi wolwaphulo-mthetho ephawula ngemali yokhuseleko (Protection Fee)

Umhlalutyi wolwaphulo-mthetho ulumkise ngelithi ukuba izigila-mkhuba ziye zakhululwa, zayekwa zatanasa ngenxa yokuxhaphaza imali yokhuselo (Protection Fee) zisenokude zithathele ezandleni zawo urhulumente.

Kutsha nje, izigebenga zinyanzela abantu abasesichengeni ukuba bakhuphe imali ebizwa ngokuba yimali yokukhusela ukukhusela amashishini abo amancinci okanye bajongane neziphumo ezibi.

Kwiveki ephelileyo malunga neendaba zokutsalwa kwemali yokhuseleko kubantu abasemngciphekweni nakumashishini aseMthatha zibe sematheni.

Ukanti eKraaifontein, eKapa, ​​umntu odla umhlala-phantsi othengisa ukutya esitratweni wadutyulwa wabulawa ngenxa yokungavumi ukuhlawula imali yokhuseleko.

Umhlalutyi wolwaphulo-mthetho ozimeleyo uGqirha Chris De Kock uthi kufuneka usetyenziswe ngokungqongqo lo mthetho. “Ukuba le nto iyaqhubeka, sinokungena ngokulula kuhlobo lwemeko eyenzeka kwilizwe laseHaiti, apho amaqela emigulukudu kunye nezikrelemnqa zithatha urhulumente. Ukuba asifuni ukuya apho, kuya kufuneka silwe nazo zonke ezi zikrelemnqa.”

U-De Kock uthi ubuqhetseba kunye nokuxhwila kwakusetyenziselwa ukujolisa kumashishini amakhulu, kodwa ngoku sele kuhlile ukujolise kubantu abasesichengeni kungekuphela nje amaqela aqeqeshiweyo kodwa nabaphuli-mthetho abakwizinga elincinci.

Uhambisa athi kukho imingeni ekulweni nokuchas’ umthetho, esithi “eli lishishini elinokonakala kakhulu”, apho amapolisa akwizikhundla eziphezulu ahlawulwa ukukhusela izaphuli-mthetho.

Ngomphathiswa omtsha ophetheyo kunye norhulumente omtsha, uDe Kock uvuselele ithemba.

“Ukuba balandele inkqubo yakudala yobupolisa ababeyenza ukususela ngexesha lomkomishinala ongasekhoyo uJackie Selebi phambi kokuba kuqale iingxaki zakhe. Ngelo xesha uBheki Cele wayengumkomishinala kazwelonke. Ngelo xesha kwalandelwa izinto ezithile ezisisiseko. Ubuntlola bolwaphulo-mthetho basebenza ngeyona ndlela ifanelekileyo ngaloo minyaka … bathoba amaqela amaninzi.” uvale ngelitshoyo uDe Kock

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
66 %
0.7kmh
92 %
Tue
18 °
Wed
22 °
Thu
13 °
Fri
12 °
Sat
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks