UVit noNovak banike imbeko kwiqela lebhola ekhatywayo yaseNgilane nethuba kubalandeli beliqela ukuba babhiyoze.
Abalandeli bebhola ekhatywayo yaseNgilane bamise umdlalo wentenetya weNdebe iWimbledon Open ngethuba kudlala uNovak Djokovic emva kokuba ilizwe labo kwibhola ekhatywayo iNgilane ibethe iqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseSwitzerland emva kokukhatywa kweepenalti kwiNdebe ye-Euro nebanjelwe kwelaseJamani.
INgilane ibethe iSwitzerland kwiipenalthi ngethuba bedlala kumaqela okugqibela asibhozo (8). INgilane ibethe iSwitzerland kwiipenalthi ngamanqaku amahlanu kwamathathu (5-3) ukuzibekela indawo kumaqela amane okugqibela ukutsho oko kumandulela kamagqibela kankqoyi.
UVit Kopriva noNovac Djokovic baye banika ithuba lokubhiyoza kubalandeli ngokuthi bakhe banqumame ukudlala ukunika ixesha lokuvuya.
INgilane ingena kwesisigaba ityeli lesithathu (3) kwimizamo emine (4) phantsi komqeqeshi uGareth Southgate. Ibiko kwesibini (2) iNgilane iphumelela kwiipenalthi yagqibela ngethuba ibetha iSpain kwi-Euro ka-1996.
NgoLwesithathu umhla weshumi (10) kule yeKhala iNgilane iqubisana neNetherlands kumandulela kamagqibela kankqoyi.
By Siphiwo Boqwana
