Home Iindaba Amatyala arhoxisiwe okwethutyana kwindoda etyholwa ngokuxhwila ugqirha waseBay.

Amatyala arhoxisiwe okwethutyana kwindoda etyholwa ngokuxhwila ugqirha waseBay.

Kubanjwe indoda ngezityholo zokuxhwila ugqirha waseGqeberha kugumbi lakhe lokusebenza ekuqaleni kwale nyanga, le ndoda ivele kwinkundla yamatyala yaKwaZakhele ngoMvulo apho zirhoxiswe okwethutyana izityholo ebebekwa zona.

By Anita Qubula

Kubanjwe indoda ngezityholo zokuxhwila ugqirha waseGqeberha kugumbi lakhe lokusebenza ekuqaleni kwale nyanga, le ndoda ivele kwinkundla yamatyala yaKwaZakhele ngoMvulo apho zirhoxiswe okwethutyana izityholo ebebekwa zona.

Isithethi sooKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi kusalindwe uphando oluqhubekayo njengoko kulindeleke ukuba kubanjwe abanye abantu.

UGqirha Bongani Qini, oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55), waxhwilwa kwigumbi lakhe lokusebenza uqhaqho ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala ngamadoda amane emkhombe ngemipu.

UWO Mhlakuvana uthi amawaka amathanda (R6 000) eerandi kunye neeselfowuni ezintandathu (6) zezigulana zikaQini zaphangwa logama enye imali engamashumi amahlanu amawaka (R50 000) eerandi eyongezelelweyo yathathwa kwisithuthi sakhe.

Uthi uGqirha Qini wahlangulwa engenawo nomkrwelo.

Kwafunwa intlawulelo ukuba akhululwe uQini kodwa ooKhetshe abakhange badize naluphi na ulwazi malunga nokuba kukho iimali ezihlawulweyo na okanye hayi.

Uphando luyaqhuba.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks