By Siphiwo Boqwana.
IQela leBhola ekhatywayo laKwaZulu Natal iAmazulu lidilize abadlali abathandathu (6) ukulungiselela isizini ezayo ka2025/26. Isizathu sokukhululwa kwabanye abadlali kweliqela kukungabi nambeko, abanye kukuhla komgangatho. Abadlali abakhululwe luSuthu nguRowan Human, uCelimpilo Ngema, uVeli Mothwa, uBoniface Haba, uAbbubaker Mobara noEtiosa Ighodaro.
Usuthu lothuse abaninzi ngokukhulula uHuman kuba udlale kakuhle kweliqela kwisizini esiphuma kuyo nalapho encede Amazulu ukuba aphele kwindawo yesithandathu (6) kuluhlu lamaqela eBetway Premiership. Kuvakala ukuba uHuman akekho kumalungiselelo kaZwane njengomqeqeshi weliqela.
Yena uVeli Mothwa nobesakuba yinkokheli yabadlali uye wayekiswa ukuba ngumgcini zipali ophambili emva kokufika kukaRichard Ofori nowakhululwa yi-Orlando Pirates. UMothwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala udlale nje imidlalo esixhenxe (7) kwisizini edlulileyo, ugqibele ngenyanga kaTshazimpuzi ukudlala kuSuthu ngethuba bedlala neGolden Arrows kumabala aseMpumalanga.
USuthu laqala lanqumamisa uCelimpilo Ngema noAbubbaker Mobara kodwa baphinda bambuyisela uMobara kodwa yena uNgema wafumana uphuma phele, nangona kunjalo u-Abbubaker, uMobara noNgema banqunyanyiswa ngokungaboni ngasonye nokuphikisa umqeqeshi weliqela uArthur Zwane.
UMobara nowayesaku dlalela iPirates wagqibela ukudlala kweliqela ngethuba bedlala neTS Galaxy ngenyanga yoKwindla kulonyaka nalapho babethwa ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kumabala iKing Zwelithini eDurban. Lo mdlali udlale imidlalo esixhenxe (7) kuphela kwisizini edlulileyo wafaka inqaku elinye (1) waze wancedisa ekufakeni amanqaku kathathu (3).
UHaba yena ngumdlali waseGuinea otyikitywe kwisizini ephelileyo esuka kwiqela lebhola ekhatywayo laseGuinea iOlympic Safi nalapho waphumelela iligi khona amatyeri amathandathu (6). UHaba oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala udlale imidlalo esibhozo (8). UHaba ugqibele ukudlala kweliqela ngethuba bedlala neMamelodi Sundowns nalapho wayelilalela elingasetyenziswayo.
Omnye umdlali okhululwe leliqela ngu-Etiosa Ighodaro noze ngemboleko kweliqela, ebuyela apho ebevela khona kwiSundowns, ufike kuSuthu kwisizini edlulileyo, udlale imidlalo engamashumi amabini anesixhenxe (27) wafaka amanqaku amahlanu (5).
Omnye umdlali okhululwe phambi kwaba badlali nguWayde Jooste.
By Siphiwo Boqwana
