Home Iindaba ATM Inika ithemba kwiintsapho ezingapha kwekhulu(119) ngosuku lwamanina

    ATM Inika ithemba kwiintsapho ezingapha kwekhulu(119) ngosuku lwamanina

    ATM Inika ITHEMBA KWIINTSAPHO ezingapha kwekhulu(119) NJENGINGXENYE IMIBHIYOZO YOSUKU LWAMANINA

    Iqela lezopolitiko iAfrican Transformation Movement (ATM) ibhiyozele usuku lwamanina ngokunika ithemba kwiintsapho ezikwikhulu elineshumi elinethoba(119) ezithe zachaphazeleka ngokumandla zizikhukula kumasipala wakwaWadi 21 eNyandeni kwi Phondo leMpuma Koloni.

    Ezi ntsapho zithe gqolo ukuphazamiseka ebomini babo emva kokutgaphululwa kweempilo zabo emva kwezikhukula ezathi zabachaphazela. Okubi kukuba phantse zonke ezintsapho ziphulukene nayo yonke into.

    IATM, njengenxalenye yokujongana nengxaki yabahlali bakwaWadi 21, inike abaxhamli iipasile zokutya, iingubo, izixhobo zemidlalo kumaqela alishumi elinesibini ebhola ekhatywayo kunye namaqela amathathu ebhola yomnyazi. Umanejala we-ATM kwi-ATM uMnumzana Mncedisi Zungulasa ugxininise ngethuba ekumsitho wokunikezela ngezinto eziyimfuneko eluntwini ngelithi “sifuna ukuncothula eli lizwe kwimingxunya yentlupheko nentswela-ngqesho”

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks