Home Iindaba Awuqini umnqwazi ngesiganeko sokubhubha kukaNathi Mthethwa

    Awuqini umnqwazi ngesiganeko sokubhubha kukaNathi Mthethwa

    UMzantsi Afrika kuquka neenkokheli zamaqela ezoPolitiko athile,abaxolanga kwaphela ziingxelo ezingqonge ukubhubha kukaNathi Mthethwa.

    Lowayesakuba nguMphathiswa wezobuGcisa iMidlalo neNkcubeko kunye nenkonzo yesipolisa ubhubhe izolo kwelaseParis eFrance. Ingxelo zamajelo eendaba, zichaza ukuba uNathi ukhe waduka phambi kokuba kufunyanwe umzimba wakhe uthe natya kwinyawo zeHotele ebekuyo. Zikwathi unkosikazi wakhe uye wafumana umyalezo osuka kuye bonus impawu zokuzibulala, kodwa nangona kunjalo akukangqinisiswa ukuba kunjalo kusini na.

    Sithetha nje abasemagunyeni kwezomthetho basaphanda ngokubhubha kukaNathi kuquka nengxelo elindelweyo eyakutsho ngokusesikweni ukuba uNathi ubhubhe njani.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks