Home Iindaba Ayiligobi iphondo i MK ngo Jacob Zuma

    Ayiligobi iphondo i MK ngo Jacob Zuma

    Inkundla yolonyulo inikwe de kube ngumhla wethoba (9) kuTshazimpuzi (April) ukuba imisele isibheno sombutho woMkhonto weSizwe (MK) kwiKomishoni eZimeleyo yoNyulo (IEC) yokurhoxiswa kobesakuba ngumongameli uJacob Zuma njengomgqatswa kulonyulo.

    Kwiveki ephelileyo, i-IEC iye yavumelana nelinye ilungu loluntu elichasa uZuma ochithe inxalenye yesigwebo sakhe seenyanga ezilishumi elinesihlanu (-15) entolongweni ngenxa yokudelela inkundla.

    Iqela leMK lithi lizakubhena kwesi sigqibo. Isithethi salo mbutho uNhlamulo Ndlela uthi bakholelwa ukuba banezizathu eziqinileyo zokucel’ umngeni ukukhululwa kukaZuma yi-IEC.

    “UMongameli uZuma akazange avalelwe emva kuka Section 35 woMgaqo-siseko apho ebefanele ukuba phambi kwejaji kwaye kuxoxwe ngokufanelekileyo. UMongameli Zuma wavalelwa yiNkundla yoMgaqo-siseko ngaphandle kokunikwa ilungelo lakhe elikumgaqo-siseko lokuxoxwa kwetyala ngendlela enobulungisa. Ngoko ke, asinakuyibiza ngokuba lityala lolwaphulo-mthetho. Konke akwenzileyo kukujongela phantsi inkundla kwaye elo asilotyala, ngumcimbi wembambano kwaye umthetho we-IEC ubhekisa kumcimbi wolwaphulo-mthetho – ngoko ke zininzi izinto ezifuna ukuqwalaselwa apha.” utshilo uNdlela

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks