18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Azakonyuka amaxabiso eetapile ngoSeptemba ngenxa yokunqongophala kwazo.

Amaxabiso aphezulu kunye nokunqongophala kweetapile kuza kuzakuchaphazela ilizwe kwiinyanga ezizayo njengoko iqabaka litshabalalisa imveliso yeetapile.

Inani leetapile ezizakuveliswa kwezinyanga zizayo lizakwehla ngenxa yokunqongophala kwazo, oku kuvela emveni kokuba abo batyala iitapile bekhala ngeqabaka ethe yadlala indima enkulu etshabalalise iimbewu yeetapile, oku kuzakuthi kwenyuse namaxabiso eetapile.

Intengiso yakwa-M&R, ikhuphe isaziso sokunqongophala kweetapile ekulindeleke ukuba kube kubi ngoSeptemba.

Ngokwale arhente, amafama afumene iqabaka kangangeentsuku ezintandathu kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo kwaye abazange bayibone iqabaka elo luhlobo kwiminyaka engamashumi amabini (20), le qabaka iye yatshabalalisa izityalo zabo.

Umthengi weM&R Marketing uMohammed Adam uthe “iqabaka emnyama ibulale iitapile ezininzi kwingingqi yaseLimpopo, kwaye oko kubangele ukunqongophala. INtshona Kapa ayikavelisi ngokupheleleyo okwangoku, ngokunjalo noMntla Kapa nezinye iindawo zelizwe.

“Kungoko umthamo weetapile uya kuhla. Uza kuba sezantsi umthamo kwaye amaxabiso azokonyuka. ”

Umanejala jikelele weNqaba yoMfama woRhwebo eMzantsi Afrika, uBennie van Zyl, uthe ukunqongophala kweetapile kuzakuba nefuthe elibi kubasasazi kunye namafama.

“Oku kuya kuba nefuthe elikhulu kumafama, kuba kuya kubiza umlimi malunga ne-R200 000 kunye ne-R240 000 ngehektare nganye kwiitapile, ngoko xa uceba i-10ha yi-R2.4 yezigidi, yilahleko leyo kumlimi.

“Ngoko eyona njongo yethu iphambili ngoku kukusebenzisana norhulumente kwaye sibone ukuba akukho ndlela ingenye na esinokuyoyisa ngayo le lahleko kwaye siqinisekise ukuba sibuyisela amafama ethu kwimveliso ngokukhawuleza,” utshilo uVan Zyl.

Esabela kwesi saziso, uManejala woLwazi kunye noMmandla ePotatoes SA, uFerdinand Coetzee, uthe, “Ngokophando esilwenzileyo eLimpopo, kulindeleke ukuba zibe mbalwa iitapile ngeyoMsintsi. Uvavanyo lucebisa ukuba ngaphezulu okanye ngaphantsi kwe-7.4 yezigidi zeengxowa ze-10kg ezi zakulahleka ngenxa yeqabaka.

“Le yi-3% yesivuno seetapile eMzantsi Afrika kunye ne-13% yesivuno saseLimpopo. Kodwa i-3% ayiyiyo ingxaki malunga nesitokhwe esikhoyo esiya kwimarike. Ukuba eli nani lichanekile, sinokulindela ukuba amaxabiso anyuke.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks