Umphathiswa wezemali, uEnoch Godongwana, uthi ukhathazeke kakhulu sisidima sesigqibo esenziwe ngumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay sokuvuma ukuchongwa kuka-Anele Qaba njengengqonyela entsha yeMandela Bay Development Agency. Kwileta ayibhalele uSodolophu, uGary van Niekerk, emva kwendibano ebingoLwesibini, uMphathiswa uGodongwana ukwagxininise inkxalabo yakhe kulawulo lwebhodi yeMBDA ekuphumezeni oko athe zizigqibo ezitenxileyo ezikhabanayo nemimiselo yomthetho. Uthe iBhodi yeMBDA nayo yasilela ukufumana imvume yeBhunga yokuqesha uQaba owayekhe wanqunyanyiswa ngenxa yokuziphatha kakubi kodwa wemka kulandela isivumelwano sezigidi ezi – 3 zeerandi kunye nesiXeko. Umphathiswa uGodongwana uthe le ntlawulo uyijonga njengenkcitho engenaziqhamo neyilahleko ekufuneka ibuyiswe.
Uthe akukho ngqiqweni ekuwuzinziseni lo mba ngeendleko eziphezulu ze emva koko kuphinde kuqeshwe kwaloo mntu mnye kwisikhundla esiphezulu kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezine. “Ukusilela kweBhodi yaBalawuli ukubonisana neBhunga kubonisa ngokucacileyo ukuba basilele ukwenza umsebenzi wabo wokuthembeka kungoko ndicebisa iBhunga lakho ukuba lithathele ingqalelo amanyathelo afanelekileyo ngakubo anokuquka ukuchithwa ngokweenkqubo ezifanelekileyo,” utshilo uGodongwana. “Ndikwacebisa iBhunga ukuba lithathe amanyathelo ngakuManejala weSixeko ngokuhambelana neCandelo lama-32(b) ngelahleko eyenzeke ngenxa yesivumelwano solungiso phakathi kwesiXeko noMnu Qaba.” UMphathiswa wezeziMali ukwajolise kuManejala weSixeko, uGq Noxolo Qwazi, ojongene nezityholo zobuqhophololo norhwaphilizo.
“Ndixhalabile ngokufanayo kukuba isiXeko sikhokelwa nguManejala wesiXeko ekutyholwa ukuba uye watyeshela imimiselo eyahlukeneyo yowiso-mthetho xa wayechonga iPelatona yokwakhiwa kwezindlu zangasese ezikwisinye, imibhobho yamanzi, kunye nezixhobo zokuvula umoya njengongenelelo lwe-COVID-19 kumatyotyombe. , nangona sele kukho ikhontrakthi esele ikhona ukulungiselela le njongo,” utshilo uGodongwana.
Umphathiswa uGodongwana umemelele ukuba kuphinde kuqwalaselwe ukuqeshwa kukaQaba kwi-MBDDA kwaye kufuneka abuyiselwe ityala lakhe. Ukwamemelele ukuba kuthathwe amanyathelo oluleko ngakuManejala weSixeko. “Ndiza kukulungela ukuyidlulisela le mali kwisiXeko ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka ukuba iBhunga likamasipala lindinika isigqibo sokuzibophelela ekusombululeni le miba ixhalabisayo ingentla nokunyanzelisa ulawulo olululo xa kusingathwa imicimbi enjalo,” Watsho uGodongwana. “Isigqibo kufuneka sizibophelele ekungadluliseli naziphi na iimali kwiziko de kulungiswe ukubekwa kwe-CEO,” wongeze watsho uMphathiswa.
Inkokeli yeqela le-DA nowayesakuba ngusodolophu, uRetief Odendaal, uthe ileta yoMphathiswa eya kuSodolophu iyabungqina uluvo lwabo malunga “nokuqeshwa ngokungekho sikweni kukaQaba.” Uthe uNondyebo weSizwe ubambe amakhulu ezigidi zeerandi kwinkxaso-mali yesibonelelo kwiNelson Mandela Bay ngenxa yokuchongwa kukaQaba owayesakuba nguMlawuli weSigqeba kuPhuhliso lwezoQoqosho noKhenketho kuMasipala oMbaxa. “Ngo-2020 iDA yabeka izityholo zobuqhophololo ngamagosa kamasipala ngokunxulumene nekhontrakthi yeCovid-19 eyanikwa inkampani, iPelatona. Oku kufikelele kuvuthondaba ngeziphumo ezininzi zeCandelo loPhando eliKhethekileyo elichaphazela amagosa ngokwenza ububi obunokwenzeka.” “Ibhunga limisele umngeni kwinkundla ephakamileyo malunga neziphumo kodwa isicelo sachithwa.
Umphathiswa uveze ukuba ngenxa yokuba inkundla yenze isigqibo malunga nophononongo, akukho nto iza kuthintela iBhunga ekubeni liqhubele phambili uqeqesho oluqhubekayo ngakuNqwazi,” utshilo u-Odendaal. Kusenjalo, urhulumente wobumbano lwaseNelson Mandela Bay uzakube efuna uluvo lwezomthetho kwingxwabangxwaba eqhubekayo noNondyebo weSizwe obambe izigidi zenkxaso-mali yesibonelelo. Isithethi sesiXeko, uKupido Baron, uthe urhulumente wobumbano lwasekhaya ubambe intlanganiso engxamisekileyo namhlanje ukuxoxa ileta yesibini yoMphathiswa.
