Home Iindaba Babanjiwe abarhanelwa emva kokuba ipolisa linqunyulwe umqala ze lahlatywa amanxeba alishumi elinesine...

    Babanjiwe abarhanelwa emva kokuba ipolisa linqunyulwe umqala ze lahlatywa amanxeba alishumi elinesine eNgcobo

    By Nyameka Lamani

    Babanjiwe abarhanelwa abathathu(3) abayanyaniswa netyala lokunqunyulwa komqala nokuhlatywa kwabulawa ipolisa eNgcobo eMpuma koloni,ngentseni yangeCawe umhla wesixhenxe(07)kweyoMnga.

    ULuxolo Ndaba ophantsi kwecandelo labecuphi eNgcobo ufunyenwe ephuncukene nomphefumlo ecaleni kwesithuthi sakhe kwindlela yegrabile enamanxeba okuhlatywa alishumi elinesine(14)enqunyulwe nomqala.

    Umbutho ophanda ngolwaphulo-mthetho iHawks ezinze eMthatha, ibambisene namacandelo ohlukeneyo enkonzo zesipolisa eMzantsi Afrika (SAPS) eNgcobo,babambe abarhanelwa abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu(16)ukuya kumashumi amabini anesine(24).Umsebenzi wamaqela amaninzi kunye nobuntlola uqhutywe ngoMvulo malunga nentsimbi yeshumi elinanye ekuseni.

    “Eli phulo belibandakanya amalungu ohlukeneyo ecandelo lamapolisa,” utshilo uMhlakuvana.

    Oyena nobangela wesi sehlo awukaziwa kodwa iingxelo zidiza ukuba lo Sajini ebeqweqwediswa waze wahlaselwa kanobom ngabemi bangaphandle ababini bencediswa ngowasetyhini oneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala.

    Abenzi bobubi bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseNgcobo ngomhla weshumi kweyoMnga ka 2025.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks