Amapolisa aKwaZulu-Natal atshintshiselane ngeembumbulu noorhunta de basweleka oorhunta.
Badutyulwe basweleka abarhanelwa abathathu (3) ebebefunwa ngamapolisa KwaZulu-Natal. Basweleke kudutyulwano namapolisa eMpangeni kumantla aKwaZulu-Natal. Badutyulwe ngentseni yanamhlanje kwindawo ababezimele kuyo KwaDlangezwa.
Kufunyenwe imipu emibini, kwaye amapolisa asasebenza kwindawo yolwaphulo-mthetho. Amapolisa athi abarhanelwa bebezingelwa malunga namatyala alishumi (10) okubulala.
Bakwayanyaniswa nokuqhushumba kweATM eSikhaleni ngoLwesine.
Kubekho izihlandlo eziliqela zokudubulana phakathi kwabarhanelwa namapolisa KwaZulu-Natal kwezi veki zidlulileyo.
