Ngamakhwenkwe amabini abegcinwe phantsi kokhuselo lowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini ubudala athe afunyenwa ebhubhile ngaphakathi kwitranki yentsimbi ngoLwesine.
Abantwana, uKonke Nobhokisi kunye noInikile Mbuyazwe baneminyaka emihlanu nemithandathu. Lamakhwenkwe ebehlala kwindawo yaseGebane eLibode. Ngokokutsho kwamapolisa, bashiyeke phantsi kosisi ka Konke.
Isithethi samapolisa uKolonel Priscilla Naidu uthe xa umama kaKonke ebuyela ekhaya ngezithuba zentsimbi yesine malanga abantwana bebengekafumaneki ndawo. Kuye Kwabakho ugqogqo.
Ukanti imizimba yabo ifunyenwe malunga nentsimbi ye-17:00 ngaphakathi kwitranki yentsimbi.
“Nangona iimeko kanye zisephantsi kophando, kurhaneleka ukuba isiciko besivalekile xa bengena ngaphakathi kuletyesi. “Idokethi yophando livuliwe,” utshilo uNaidu.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uNjengele Phumzile Cetyana, uvakalise intlungu yakhe ngokubhubha kwamakhwenkwe amabini aselula.
UNjengele ubongoze bonke abazali nabagcini babantwana ukuba bahlale bephaphile kwaye bahlale bebeka abantwana elisweni elibukhali.