ULundi Mzimkhulu oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala ugwetywe yinkundla kamantyi yaseQonce ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuTshazimpuzi ka2024 ngezityholo zokuphanga nokuba nempu nembumbulu ngaphandle kwempepha mvume.
Oku kongeza kwisigwebo sakhe seminyaka elishumi elinesihlanu (15) yangaphambili yinkundla kamantyi yaseWhittlesea ngomhla wesixhenxe (7) kweyoKwindla kulonyaka.
Abo atyholwa nabo, uKhanyiso Dlali oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) noSibusiso Nzuzo oneminyaka engamashumi amane (40) ngaphambili bagwetywe yinkundla kamantyi yaseWhittlesea iminyaka engamashumi amabini anesibhozo entolongweni. Abatyholwa baqhwesha elugcinweni olusemthethweni eWhittlesea Correctional Services apho babevalelwe khona ngelo xesha.
Aba bathathu bagwetywa ngoMatshi wesixhenxe (7) ku 2024 ngezityholo zokuphanga bexhobile besebenzisa iimeko ezimanyumnyezi nokuqhwesha eluvalelweni.
Ngomhla weshumi elinesine ku-Agasti ka-2020, uMzimkhulu kunye nabo wayetyholwa nabo ababengamabanjwa babaleka kwiiNkonzo zoLuleko zaseWhittlesea apho babevalelwe khona. Ngethuba lesi sehlo, amabanjwa ebexakekile evala iingcango zentolongo kanye emva kokuba amabanjwa ephuma kwimithambo elungiselela uMzimkhulu enkundleni.
Emva koko, abagcini-mabanjwa beva umntu enkqonkqoza emnyango baza bavula ngokukhawuleza, baqaphela ukuxambulisana phakathi kwamabanjwa kunye nabalindi ngenxa yokuba elinye lamabanjwa lakhulula ngenkani umlindi umpu wakhe wenkonzo.
Ngapha koko, abagcini bentolongo bakhonjwe ngompu baza bayalelwa ukuba banikezele ngezitshixo, neeselula zabo kwakunye neyunifomu yabo. Ngaphezu koko, esi sithathu kuthiwa sivalele oonogada ngaphakathi kwindlu yangasese baza babaleka.
Kwangaloo mini, kwaqaliswa ugqogqo, ze emva kweenyanga ezintathu babanjwa abaqhweshi kuthethwa ngabo kuquka noMzimkhulu owayeqhuba isithuthi esibiweyo ephethe imipu engekho mthethweni.
UWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana weCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhakamileyo (HAWKS) uthe bonke babanjwe liphulo elihlangeneyo eliquka iqela laseQueenstown elizinze kwiSerious Organised Crime Investigation Team yeeHawks kwakunye neTactical Response Team (TRT).
Uphando lokuqala lufumanise ukuba uMzimkhulu waphanga ipolisa umpu womsebenzi kunye nemoto yalo eMdantsane. UMzimkhulu uvele phambi kwenkundla kamantyi waseWhittlesea waze wagcinwa eluvalelweni emva kokubanjwa kwakhe.
Wavela izihlandlo eziliqela enkundleni de wagwetywa ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kuAprili, 2024.
UMzimkhulu ugwetywe iminyaka emihlanu entolongweni ngokuba nemoto ebiweyo, iminyaka elishumi entolongweni ngokuba nompu ongenampepha kunye neminyaka emithathu ethothoza kuba nembumbulu. Ngoko ke, uMzimkhulu uza kuvalelwa entolongweni iminyaka elishumi elinesibhozo (18) ngokuthe ngqo.
“Ukuzimisela okumangalisayo kwegqiza eliphandayo kuqhwatyelwa izandla yiNtloko yeeHawks ephondweni uNjengele Obed Ngwenya ngokuqinisekisa ukuba abashiyi nto efihlakeleyo,” uvale ngalo mazwi uMhlakuvana.
