UDarryn Wentzel kunye noRiaan Baartman baadubula ngemvula yeembumbulu kumapolisa nge (07) kaNovemba ka2019, emva kokubulala okokuqala umntu owayekwindawo ekutyholwa ukuba ishishina ngeziyobisi kwisitalato iLawler Street, eSchauderville.
Aba barhanelwa baayalela umqhubi wemoto eluhlobo lweVolkswagen Polo ukuba aba balekise ngesantya esiphezulu kwindawo yexhwayelo. Ngaphantsi kwemizuzu elishumi emva koko, amalungu ecandelo elikhethekileyo elichasene nemigulukudu abona isithuthi somtyholwa eKobus Road, eHelenvale.
Ze baleqwa ngesantya esiphezulu phambi kokuba isithuthi sime ngxi kwisitalato iChamois, eHelenvale. Kulapho uWentzel noBaartman behla khona emotweni bavulela ngeembumbulu kumapolisa, aze aziphindezela.
Ngethuba ewisa isigwebo, uJaji Nyameko Gqamana uthe la madoda akabonakalisi kuzisola kwaye kufuneka asuswe umphelo eluntwini. Uthe xa besenza isigqibo ngesigwebo esifanelekileyo, inkundla kufuneka ithathele ingqalelo ubunzulu betyala, kunye nendima ulwaphulo-mthetho olunokuthi luyidlale kumaxhoba.
UGqamana uthi ubomi bexhoba elimsulwa buphele ngequbuliso ngelithi ukhuselekile kwikhaya lakhe, kwaye amalungu osapho lwakhe asaphila noloyiko. UConstable owadutyulwa ngababarhanelwa akakwazi kuzimela kwaye uxhomekeke kusapho lwakhe nakwabanye.
Akaphangeli kwaye kufuneka aphile ngemali ayifumene kwingxowamali yembuyekezo, engaphantsi kakhulu kunomvuzo wakhe, utshilo uGqamana ngethuba esazisa inkundla ngengxaki yakhe.
“Uluntu lujonge ukuba iinkundla zikhuphe izigwebo ezithintela abanye abaphuli-mthetho ukuba benze ulwaphulo-mthetho olufanayo. Inkundla iyaqonda ukuba isigwebo asizukubuyisela umfi, kwaye asizukubuyisela igosa ubomi balo. Bafanele ukususwa kuluntu, ngokusisigxina.”
Umtshutshisi woMbuso uRafick Ahmed uveze ukuba akukho zimeko zinyanzelisayo ezinokuthi zenze inkundla ijike kwisigwebo esimiselweyo sokuthothoza ubomi entolongweni kwisityholo sokubulala.
