By Nyameka Lamani
Bahlanu abakhwetha ababhubhileyo kweliphondo leMpuma Koloni, sukela oko kuqale ixesha lolwaluko lwasehlotyeni. Iingxelo zidize ukuba,abakhwetha abaswelekileyo abanye babo baphuma kumasipala ombaxa waseBuffalo City, kwisithili sase OR Tambo, kwakunye nakwingingqi yase Chris Hani.
UVelenkosini Hlabisa umphathiswa wesebe lemicimbi yemveli nentsebenziswano kuzwelonke,umemelela ukuba kuvalwe iindawo zolwaluko ezingekho mthethweni ngokukhawuleza, esithi urhulumente, akazukunyamezela ukubekwa emngciphekweni kobomi bamakhwenkwe asesuthwini.
Ubongoze ukuba kupheliswe amaphulo okwaluka angekho mthethweni egxininisa ubungozi bawo. Uncome iphondo leMpuma Koloni ngokubamba abantu abangamashumi amabini ananye(21)ngenxa yezi zenzo kwaye wakhuthaza uluntu ukuba lukhusele abakhwetha abatsha.Ugxininise ngelithi wonke umkhwetha kufuneke ekhuselekile, kwaye kubalulekile ukuthintela naziphi na ezinye iintlekele kwelixesha.
