Indawo eziliqela kwi Dolophu yaku Qumbu kumaspala wasekuhlaleni iMhlontlo zilahlekelwe ngamakhaya, imfuyo, kanye namadlelo (farms).
Ngomhla wesixhenxe ( 7) kweyeKhala ilali yase Nyanisweni ibe yenye yeelali eyahlaselwa ngu mlilo ovela kwi lali engaphezulu eMtondela yatshisa imizi, imfuyo kanye ne ntambo zobhedu.
Imfuyo ye bhokwe ezilinganiselwe kwishumi elinesine (14) itshe yaphela kanye namakhaya amane (4) ngomlilo okuthiwa uqamke ekhayeni lakwa Jikijela ububaswa ngabantwana pandle eMtondela.
Omnye wamalungu asekuhlaleni uLubabalo Mgodeli uthi ” yena ubengekho ubesendleleni eya ekapa kungekhomntu ekhayeni lakhe ngelixesha kuqala lomlilo othe watshisa uRonti okwi khaya lakhe nayo yonke into engapakathi.
Uqube wathi “sebehlala ebumnyameni boba kwi ngiqi yase madzedzeni kuba umlilo umoshe nentambo zombani ifowni bazicelela emizini engezantsi eskansweni”
Uward komiti wakwi ward 19 u Lwandiso Nqulushe “uthi lomba baye bawuchaza kwa maspala nako wakwisebe lezentlekele kodwa kwafika abazojonga imfuyo kuphela”
Uthi “amafama wona athembisa ukudlulisela kwiminyango ephezulu ngoko nakala kwendawo yabo”
Izilwanye ezilanganiselwe kumakhulu amabini (200) ukubala igusha ezilikhulu namashumi asixhenxe ananye (171( neebhokhwe ezingamashumi amabini anethoba (29) zatsha zaphela emadlweni kwindawo zase Zilandani eTsilitwa, Nyanisweni, Mtondela nase Mahlungulu pantsi kwa ward 17 no ward 19 kumaspala waseMhlontlo.
UMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe undwendwele indawo yase Zilandani ehambisa izinto ezisidingo kwabo batshelwe ngsmadlelo.
Usomlo womaspala waseMhlontlo uMemela Magcotywa uthi ” bawubonile umonakalo owenzekile bazakudlulisela kwi minyango ephezulu ekufumaneni uncedo”

