Banqunyanyisiwe abafundisi-ntsapho besikolo samabanga aphakamileyo iBonkolo kwisithili semfundo sase-Amatole eEast Education District emva kophando lokuqala olubangelwa lulwazi abalufumene kwimpempe.
Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba aba titshala babini bangamadoda babejolise ukuya kutsho kubafundi abangamantombazana abalishumi elinesithoba(19)abaphakathi kweminyaka elishumi elinesixhenxe(17) neshumi elinesibhozo(18) ubudala.
NgokoMthetho wezeNgqesho yooTitshala, kukho iindidi ezintandathu zokuziphatha kakubi kakhulu kootitshala yaye ezintlanu kuzo zibandakanya uhlaselo ngokwesondo, ukwabelana ngesondo nomfundi, ukubetha ngendlela exhomis’ amehlo, ukuba neziyobisi nokufumana umfundi ukuba abandakanyeke kulo naliphi na kwezi zenzo zolwaphulo-mthetho, uvalwa ubomi bonke ekuqeshweni kwakhona.
Imigaqo nemiqathango emitsha yokuqeshwa kootitshala yafakwa kwigazethi ngo-2021 ukujongana namatyala okuziphatha kakubi ngokwesondo ezikolweni.
“Sothukile ngulo mba. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wootitshala ababini abaphandwa ngokuziphatha kakubi ngokwesondo okubandakanya abafundi abalishumi elinethoba(19) kwisikolo esinye. Kucacile ukuba kukho imingeni enzima esikolweni ekufuneka siyithathe njengesebe. Siza kuthumela abacebisi bethu ukuba bancedise okwangoku ngelixa iinkqubo zoluleko ziqhubeka. Akwamkelekanga kwaye olu hlobo lokuziphatha kufuneka lwaliwe kwaye lugwetywe ngumntu wonke. Bubundlobongela obusekelwe kwisini obujolise kubafundi abasesichengeni,” utshilo uMphathiswa uFundile Gade.
Iphulo iMbashe Teenage Pregnancy Project nalo lidluliselwe kwesi sikolo ukuqinisekisa imfundo nenkxaso ethe kratya kubo bonke abafundi.
La magosa amabini, utitshala kunye nenqununu ngoku babekwe phantsi kweliso elibukhali ukuze abo batyholwa ngamaxhoba kunye namangqina bakwazi ukuvakalisa izimvo zabo ngaphandle koloyiko lokoyikiswa.
UMphathiswa uGade umemelele inkxaso ethe chatha kuluntu kubafundi ingakumbi kweli thuba leemviwo zaphakathi enyakeni.
“Eli xesha lifuna ukuzibophelela ngokutsha kukhuseleko lwabantwana bethu. Kufuneka senze konke okusemandleni ukubuyisela ukholo nentembeko kumaxhoba kwinkqubo, njengabazali norhulumente. Sithembisa ukuqinisekisa ukuba umthetho uyasetyenziswa kwaye aboni bajongana nengqumbo yomthetho,” utshilo uGade.
