ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni lichaze ukuba bayi-213 abantu ababanjwe ngenxa yokuqhuba benxilile kulo lonke iphondo ngexesha lemisebenzi yokhuseleko lwendlela eqinisiweyo eqhutywe ngempelaveki ephelileyo.
Uhlalutyo lwamani ababanjiweyo kwiphondo ngokwedolophu lume ngoluhlobo:
UNgcobo – 2
UCala – 2
IPort St Johns (PTS) – 1
IBizana – 3
ICradock – 1
IKomani – 4
ILusikisiki – 8
ISterkspruit – 1
ICala – 2
IElliotdale – 8
IWilsonia – 15
IKomga – 9
IKomani – 19
INgcobo – 6
UMthatha – 59
IStruandale – 17
ICradock – 4
BCMM – 44
ILusikisiki – 5
IButterworth – 7
Othethela isebe lezoThutho ePhondweni uMnumzana u-Unathi Binqose uthe, isebe libulela ngokungazenzisiyo kuwo onke amagosa omthetho anegalelo kule mpumelelo ibalulekileyo.
Lo ka Binqose wongwze ngelithi le misebenzi yenzelwe ukuthumela umyalezo ocacileyo wokuba ukuqhuba unxilile akuyi kunyanyezelwa, ingakumbi ngexesha leeholide. Abaphuli-mthetho baza kujongwana nabo ngokufanelekileyo nangamandla omthetho apheleleyo ukukhusela bonke abasebenzisi beendlela.
