Umphathiswa wezoThutho uwaqhwabele izandla amaqela oncedo lokuqala.
UMphathiswa wezoThutho, uXolile Nqatha uwaqhwabele izandla amaqela akhawuleze asabela kakuhle emva kokuba ekwazile ukusindisa bonke abantu abangamashumi amathathu anesithathu (33) ngethuba ibhasi yomgama omde (Greyhound) ibhukuqa ku-N10 phakathi kweCradock neCookhouse phezolo.
Umqhubi uye waphulukana nolawulo phantsi kweemeko ezimanzi nezimtyibilizi, ibhasi yaphuma endleleni yaza yaqengqeleka. Aphendula ngokukhawulezileyo amaqela ezoncedo lokuqala aqinisekisa ukuba akukho bantu babhubhileyo nabantu abonzakeleyo.
Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele saseAndries Vosloo, abathathu bonzakele kakhulu ngelixa abalishumi elinanye (11) befumene umonzakalo omncinci, abanye banyangelwe kwindawo yexhwayelo kwaye kungekho sidingo sakulaliswa esibhedlele.
By Anita Qubula
