Home Iindaba Bathathu(3) ababhubhe kwingozi emasikizi kude kufuphi naseMonti.

    Bathathu(3) ababhubhe kwingozi emasikizi kude kufuphi naseMonti.

    Ngabantu abathathu ngoku abaphulukene nobomi babo kwingozi eyenzeke emva kokuba imoto enye ithe yabhukuqa kuhola wendlela uR349 eMonti/Kei Mouth.

    Le ngozi yenzeke ngentseni yanamhlanje umhla we(12.03.2023) malunga nentsimbi yesibi ekuzeni kusa(02H15)

    Imoto yohlobo lweiPolo Vivo ebunabakhweli abane(4) bonke abangamadoda. ababini babhubhele kwindawo yesiganeko, ingumqhubi kunye nomkhweli. Owesithathu ubhubhele esibhedlele logama omnye eye wasinda kodwa efumene umonzakalo apho anyangwa khona kwisibhedlele saseFrere eMonti

    Kutyholwa ngelithi ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala kunye nokuqhuba ngokungakhathali kukhankanya oonobangela wale ngozi.

    Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eKei Mouth ukuze kuqhutywe uphando.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks