Home Iindaba Batshe bangqungqa abantwana(3) ngethuba belele kwityotyombe eNew Brighton eGqeberha namhlanje.

    Batshe bangqungqa abantwana(3) ngethuba belele kwityotyombe eNew Brighton eGqeberha namhlanje.

    Ngabantwana abathathu(3) abaphulukene nobomi babo ngalentsasa yanamhlanje ngethuba kusitsha ityotyombe ababelele kulo eNew Brighton eGqeberha.
    Ngokwengxelo yeNkonzo yesipolisa eGqeberha, kuvakala ukuba ngezithuba zentsimbi yesithandathu(06:15) ekuseni, utata wabantwana uye wemka esiya emsebenzini eshiya abantwana nonina. Ethubeni unina uye wavuka eshiya abantwana belele esiya kwivenkile ekufutshane.
    Ekubuyeni kwakhe, withuswe ngumbono wetyotyombe lakhe elibona lisitsh. Abamelwane abakufutshane  bazamile kangangoko ukubasindisa abantwana kodwa lomizamo yaphanza kuba umlilo ubuleohuza amadangatya kakhulu. Ngelishwa abantwana bobathathu baye babhubha kuloomlilo.
    Umlilo uye wacinywa ngabacimi mlilo. Abantwana ababhubhileyo nguLanele Salaza (inkwenkwe eneenyanga ezilishumi elinanye11), uThulani Salaza (inkwenkwe eneminyaka emihlanu5) kunye noLukuwe Salaza (intombazana eneminyaka emithathu3 ubudala).
    Unobangela walo mlilo awukaziwa kwaye amapolisa asaqhuba uphando.
    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks