Abahlali belali yaseGxwaleni kumasipala wengingqi waseNtabankulu phantsi komasipala wesithili i-Alfred Nzo bonakalise begrumba imisele emine kwindlela yetha ekufutshane nelali yabo uR394.
Lendlela idibanisa uhola wendlela uN2 nesuka ePhakade kunye noR61 eMagusheni.Embindini woqhanqalazo lwabo oluqale ngentseni yanamhlanje ngum-ba wokucandwa kwemida apho bafuna ukushenxiswa komnye umasipala wendawo baye komnye.
Abasemagunyeni basekuhlaleni baye bathatha inyathelo lokudiba lo msele ngenjongo zokuncedisana nezithuthi ukuba zikwazi ukuhamba.Nangona kunjalo abaqhubi bayalunyukiswa ukuba balumke ngakumbi kulo mmandla wendlela kuba kusenokubakho ingozi ukuba baqhube kakhulu.
Isithethi sezoThutho u-Unathi Binqose ukugxeke ngamandla okwenziwe ngabahlali esithi kuzintloni futhi akwamkelekanga,ukutshabalalisa iziseko ese zikhona ezenzelwe ukuncedana nabo.
Uthe yiyo lonto umphathi wezothutho uXolile Nqatha eyikhalimela kalukhuni lento kambe ke ukwahlaba ikhwelo kubahlali ukuba basebenzisane namagosa omthetho khona ukuze abenzi bobubi bajongane nengalo yomthetho.
Isebe likhuphe isilumkiso sokuvalwa kwalendlela okwethutyana de kudambe udushe.