Ubungakanani bamanani oku khulelwa kwabantwana eMpuma Koloni bufikelele kwinqanaba lentlekele kwaye bufuna ungenelelo olukhawulezileyo nolunezigqibo esihamba neziphumo. Phakathi kukaTshazimpuzi noJulayi kunyaka ophelileyo, izibhedlele zikarhulumente kweli phondo zarekhoda abantwana abangama-117 abazelwe ngamantombazana aneminyaka eli-10 ukuya kweli-14, kunye nabanye abaya-4,752 abazelwe ngamantombazana aneminyaka eli-15 ukuya kweli-19. La manani abonisa ukusilela okukhulu ekukhuseleni abantwana, kwaye abonisa ukwanda kwengxaki yobundlobongela obusekwe kwisini (GBV).
Xa abantwana benyanzeliswa ukuba babe ngoomama, iziphumo ziba zimbi kakhulu. La mantombazana ajongana nokonzakala kwengqondo, ukuphazamiseka kwemfundo, imingcipheko yezempilo yexesha elide, kunye noloyiko olukhulu. Kwiimeko ezininzi, ukukhulelwa kufihlwa ngenxa yentswela-dyebo, uloyiko lobundlobongela, okanye ukuswela inkxaso yabantu abadala abanokuthembeka. Xa umama ngokwakhe engumntwana, ukungabi nathemba nokuziva wedwa kungakhokelela kwiziphumo ezingakhuselekanga kwiintsana, kuquka ukushiywa okanye ukulahlwa kwazo.
IDemocratic Alliance (DA) iyavuma ukuba ukukhulelwa kwabantwana, ukulahlwa kweentsana, kunye nobundlobongela obusekwe kwisini ziziphumo zenkqubo enye ephukileyo. Ukulungisa enye ungayichukumisi enye akusayi kusebenza. Kufuneka amanyathelo asebenzayo nawobuntu okukhusela oomama abasengozini kunye neentsana zabo, kuquka neendlela ezikhuselekileyo nezisemthethweni zokunikela umntwana ngaphandle koloyiko, ihlazo, okanye ukwenza oko kube lulwaphulo-mthetho.
Ubungqina obuvela eMpuma Koloni bubonisa indlela ukusilela kukarhulumente okwandisa ngayo le ngxaki. ISebe loPhuhliso loLuntu kweli phondo libike amatyala amaninzi okushiywa kweentsana nokuxhatshazwa kwabantwana. La manani ayanda ngenxa yokuwa kweenkonzo zangaphambili, apho oosocial worker bexinekile, bengenazo izixhobo ezaneleyo, kwaye behlala bengakwazi ukufikelela kwiindawo ezisemngciphekweni ngaphambi kokuba iimeko zibe yintlekele.
IDA ingenise iSafe Relinquishment Private Members Bill kwinqanaba lesizwe, ngenjongo yokwenza kube semthethweni kwaye kulawulwe ukunikelwa okukhuselekileyo kweentsana, ukukhusela iindawo ezikhuselekileyo (safe havens) kunye nabagcini bazo, kunye nokuqinisekisa ukuba iintsana zifakwa ngokukhawuleza kwiinkqubo zokhathalelo nokukhuselwa. Ukwenza ulwaphulo-mthetho kubantu abasebenza phantsi koxinzelelo olukhulu akukhuseli bantwana. Endaweni yoko, kukhuthaza ukulahlwa okungakhuselekanga kufihlwe ngakumbi, kubeka ubomi emngciphekweni omkhulu.
Ndibhalele uMphathiswa wePhondo (MEC) weSebe loPhuhliso loLuntu, uBukiwe Fanta, ndicela ukuba kuqwalaselwe ngokungxamisekileyo ukuthintela ingxaki kunye noncedo lwangethuba. Oku kufuneka kuquke ukuphendula ngokukhawuleza kwiimeko zokukhulelwa ezinxulumene neGBV, iinkonzo zoncedo ezingxamisekileyo ezifikelelekayo kubantwana, kunye nenkqubo esebenzayo ngokupheleleyo yoPhuhliso loLuntu eneeofisi ezikhuselekileyo, izithuthi, kunye nezixhobo zokusebenza kubasebenzi bezentlalo. Ezi ayisosihombiso — ziziseko ezisisiseko zokukhusela abantwana.
Wonke umntwana unelungelo lokuzalwa ekhuselekile, kwaye yonke intombazana esengozini ifuna ukukhuselwa phambi kokuba kwenzeke umonakalo. Inkqubo esebenza kuphela emva kwentlekele sele isilele kumama nakumntwana.
Abantu baseMpuma Koloni bafanelwe bubunkokeli obujongana nenyaniso enzima, obulungisa iinkonzo eziphukileyo, kwaye obukhusela abo basemngciphekweni ngentlonipho, ngokungxamiseka, nangoxanduva.
Ukanti usihlalo weeKomiti zePalamente yePhondo uGqirha Tony Duba ngethuba ewayethetha ne EC Indaba wakukhankanya ukubaphakathi kwengqwalasela ezinguNdoqo ukuqinisekisa ukuba oku kuhlatyelwa umkhosi ongqingwa.
