17.2 C
King William's Town
Friday, April 5, 2024

Bayityeshele ibheyile abatyholwa ngokudubula uceba we DA

Amadoda amane atyholwa ngokudubula nokwenzakalisa uceba weDA eKouga uJaques Alexander asilahlile isicelo sawo sebheyile kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngoLwesihlanu.

UMthumzi Lani, uLutho Mbatha, uLuciano Jacobs, kunye no-Athenkosi Gidane bajongene nezityholo zokuzama ukubulala nokuxhwila iinqwelo-mafutha emva kokudubula uAlexander ngaphandle kwee-ofisi ezinkulu zalo masipala eJeffreys Bay ngoLwesine weveki ephelileyo.

Ngethuba kuqhubeka eli tyala, aba bane baxelele inkundla ukuba bazakulahla igqwetha labo leLegal Aid ze basebenzise igqwetha elaziwayo eliseGqeberha, uMpumulelo ‘Bond’ Nyoka.

Lo mcimbi uhlehliselwe umhla we-19 kuTshazimpuzi ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ngeli xesha, ngaphandle kwenkundla, abalandeli beDA babambe ipikithi encinci enepowusta ezifundeka ngolu hlobo: “Ubulungisa bukaJaques.”

USomlomo weBhunga likaMasipala waseKouga uBrenton Williams uthe amalungu ombutho ebekho ukuze anike inkxaso kuAlexander.

“IDA ayizukoyikiswa ngabantu abazama ukudodobalisa umbutho nomasipala,” wongeze watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
88 %
3.2kmh
100 %
Fri
17 °
Sat
13 °
Sun
16 °
Mon
20 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks