By Nyameka Lamani
Bekubhiyozelwa ikrisimesi yabantu abadala eMonti izolo,ngomhla wethoba(09) kwinyanga yoMnga ka-2025 kwindawo yokudlala igalufa(Golf Club).Ibiququzelelwe ngusomashishini odumileyo uXoliswa Tini, esebenzisana noMasipala oMbaxa weBuffalo City (BCM).
Lo msitho ubujonge ukunika imbeko nokuvuyisana nabantu abadala ekuhlaleni, abanye babo bebeneminyaka elikhulu(100) ukuya kwikhulu elinesixhenxe(107), bebonisa ukubaluleka kwabo njengamakhonkco phakathi kwezizukulwana nokuqaqambisa ubulumko namava abo.Ebudeni balo mbhiyozo uXoliswa Tini uvakalise uvuyo lwakhe kukubona abantu abadala beqokelelene ndawonye kwaye wagxininisa uthando nenkathalo ulutsha ekufuneka luyibonakalise kubantu abadala.
Obambeleyo uSodolophu wesigqeba uCeba Sangweni Matwele naye uvakalise uluvo lwakhe ngokugxininisa igalelo labantu abadala ekuhlaleni nakwintsapho.
Unobhala wabantu abadala eBCM uOdwa Tyeni udlulise amazwi ombulelo ongazenzisiyo ngokuba abantu abadala bebhiyozelwa besaphila exela imicelimngeni abajongene nayo abantu abadala, efana nemiba eyahlukeneyo yezempilo.
Lo msitho ukwabone ukuthatha inxaxheba kwabathathi-nxaxheba abohlukeneyo, kuquka i-KFC, i-Red Alert, kunye ne-Cumberlege Attorneys, abathe banegalelo ekwenzeni lo msitho ukhumbuleke. Lilonke, lo mbhiyozo uqaqambise ukuzibophelela koluntu ekuxabiseni nasekukhathaleleni abantu abadala, ingakumbi ngexesha leholide zokuphela konyaka nangaphaya.
