Home Iindaba Belivele eMaplangeni (Court)Ngenxa Yobuqhetseba Be-R1.7 Million ka-RAF igqiyazana laseMthatha

Belivele eMaplangeni (Court)Ngenxa Yobuqhetseba Be-R1.7 Million ka-RAF igqiyazana laseMthatha

USinethemba Sweetbirth Mdutyana (37) uvele phambi kweNkundla yoLwaphulo-mthetho oluKhethekileyo lwezoRhwebo eMthatha izolo umhla wesi-6 kweyoMqungu 2026, ejongene namatyala obuqhetseba emva kophando lweHawks malunga nokulahlekelwa yi-R1.7 yezigidi kwi-Road Accident Fund (RAF).

UMdutyana utyholwa ngokufaka ibango lokulahlekelwa yinkxaso ngobuqhetseba ngabantwana bakhe ababini abancinci, echaza gwenxa ingozi ye-27 kweyoMqungu 2022 kwi-N2 kufutshane neQwelerha njengengozi ebandakanya ilori engaziwayo. Amaqabane amabini nawo atyholwa ngokufaka iingxelo zobuxoki ezixhasayo.

UMdutyana ubanjwe eGcuwa ngomhla wesithandathu kuJanuary, wakhululwa ngesilumkiso, kwaye ityala lihlehliselwe umhla wesithathu-(3) kweyoKwindla 2026 ukuze kuqeshwe igqwetha.

Kulindeleke ukubanjwa okungakumbi kwabanye abarhanelwa njengoko uphando luqhubeka.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks