Home Iindaba Buyalungiswa uBuhlanti

    Buyalungiswa uBuhlanti

    Kwiphulo lokuphucula ubomi bomtu ongathathintweni kwiPhondo leMpuma Koloni kuquka nokudala amathuba emisebenzi, uRhulumente weMpuma Kapa ulungisa eBuhlanti.

    Umhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kuCanzibe, iNkulumbuso uOscar Lubabalo Mabuyane ekunye noSodolophu womaspala ombaxa waseBuffalo City uPrincess Faku, bavelise ngokusesikweni unoKontraka ozakudiliza akhe okokutsha indawo yolonwabo neziyungoma eBuhlanti nezinze eMonti. LonoKontraka wenkampani yakwaMakali nguye ozokwakha.

    Kaloku lendawo idume kakhulu kwiindawo ezininzi nethi izale ime ngeembambo ingakumbi ngexesha leholide zokuphela konyaka xa abantu beyokuzimamela ngaselwandle.

    USodolophu uFaku uthi ukulungiswa kwaseBuhlanti yinto abazingca ngayo kakhulu nanjengoko izakudala amathuba emisebenzi kanye kwabo babila besoma pha xa besoja inyama yabakhenkethi. Uthi abazukuphelelwa yitiki kuba kulungiswa, koko kuzakuqeshwa kwalapha kubo lomzuzu kusakhiwa uBuhlanti. Ukwathe ukulungiswa kwalendawo kuxabisa ngaphaya kwezigidi ezintlanu zeeRandi( 5+Million)

    Kananjalo ngethuba unoKontraka esaziswa kuluntu, uxelelwe ukuba inyangaYomnga nhoko mayiphele ewugqibile umsebenzi nangona ke kulindeleke ukuba lomsebenzi ungaphela kunyaka ozayo.

    UMabuyane ugxininisile ngendlela uRhulumente azimiselengayo ukuphucula iimpilo zoluntu lweliPhondo kwaye esithi abasemaphandleni mabamkele ukuba iMpuma Koloni yahlukile kumanye amaphondo, ingakumbi kwizixhobo nendlela ekuphilwa ngayo. Uthi kunjalo uRhulumente akazukuyeka ukulwa ukuphucula iMpuma Koloni ukuze itsale abakhenkethi.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks