Home Iindaba Dutywa:Ingozi emasikizi nesibe imiphefumlo yabantu

    Dutywa:Ingozi emasikizi nesibe imiphefumlo yabantu

    Ngabantu ababini abaphulukene nobomi babo ngelixa abane(4) befumane umonzakalo omandundu kwingozi yezithuthi emasikizi.

    Oku kusemva kokuba iimoto ezimbini zingqubane ngentloko kuhola wendlela uN2 eDutywa kumgama oziikhilomitha ezisibhozo(8km) ukuya eMthatha.

    Esi sehlo senzeke izolo umhla we(07.05.2022) malunga necala emva kwentsimbi yesixhenxe(19H30) kwindlela uN2 eDutywa esingise eMthatha.

    Ngokwengxelo evela kwiSebe lezothutho kuvakala ukuba kungqubane iimoto ezimbini. Ezizithuthi ebezisuka kumacala ohlukeneyo. Isithuthi sohlobo lwe Isuzu LDV kutyholwa ukuba ibiqhutywa yindoda enye kunye nomkhweli othile isuka eMthatha logama iRav 4 SUV Toyota inabakhweli  abahlanu isuka kwicala laseDutywa. Zombini ezi zithuthi zingquzulane ngeentloko. Ababini abangamadoda umqhubi kunye nomkhweli oyindoda kwiRAV 4 SUV basweleka ngoko nangoko ngelixa abanye abane(4) ababekhwele kuyo bafumane ukonzakala okumandundu kuquka nomqhubi wesinye isithuthi (Isuzu LDV).

    Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele saseGcuwa ukuze bafumane unyango oluthe kratya. Ukusetyenziswa kotywala okuchazwe njengoyena nobangela wengozi njengoko kubonwe kwindawo yexhwayelo ngamangqina. Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe eDutywa Saps ukuze kuqhutyekwe nophando.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks