By Nyameka Lamani
Uwasetyhini osemtsha ogama linguShaunick Adams waseGqeberha ebevele enkundleni ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeNkanga ka 2025 kulandela ukubanjwa kwakhe ngezityholo zokubetha unyana wakhe oneminyaka emithathu(3) ubudala.
Lo wasetyhini ujongene nezityholo ezinzulu zokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa unyana wakhe emva kwevidiyo ephazamisayo ibizula kumakhasi onxibelelwano, ebonisa ebetha unyaka wakhe emqolo ngesandla nangesihlangu ebusweni emkrwitsha.
Ngexesha evele enkundla,kuye kwaqinisekiswa ukuba le nkwenkwana yenye yabantwana baka Adams abathathu. Umtshutshisi uphawule ukuba emva kwesi siganeko, umntwana uye wabekwa kwindawo yogcino lwethutyana(foster care), ngelixa abanye abantakwabo babini behlala noyise noninakhulu.
Urhulumente uchaze esisimangalo njengolwaphulo-mthetho lweshedyuli yesihlanu(5), nto leyo ethetha ukuba baya kusichasa nasiphi na isicelo sebheyile.
Ityala liye lamiselwa uLwesihlanu ukuze kuvunyelwe ukufaka isicelo sebheyile esisesikweni.
