Home Iindaba ELusikisiki kubanjwe indoda malunga nokudlwengula uMama oneminyaka engama-80 ubudala.

ELusikisiki kubanjwe indoda malunga nokudlwengula uMama oneminyaka engama-80 ubudala.

IFunyenwe irhona indoda edlwengule ixhegwazana, eLusikisiki.

Abahlali bakwingingqi yaseNgcoya bancedise ngokukhawuleza ekuncediseni ukubanjwa komrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala othe wabiwa bubuthongo emveni kokudlwengula ixhegwazana elineminyaka engamashumi asibhopzo (80) ubudala ngentseni yangoMgqibelo, umhla wesixhenxe (07) kweyeSilimela 2025.

Kutyholwa ukuba ixhoba belilele nabazukulwana balo, omdala uneminyaka esibhozo (08) ekothukeni kwakhe waqaphela umrhanelwa sele engaphakathi endlwini. Umrhanelwa wagrogrisa ixhoba ukuba lingalili waze walidlwengula, walala ubuthongo emveni koko.

Umrhanelwa wabiza abammelwane ze bamfumana umrhanelwa bamfumana umrhanelwa elele, bambamba de kwafika amapolisa athe abamba umrhanelwa kwaye bambeka ityala lokudlwengula. Uzakuvela phambi kweNkundla kaMantyi eLusikisiki ngoMvulo, 09/06 ejongene netyala lokudlwengula.

Obambeleyo uMkomishinala wesithili saseOR Tambo uBrigadiya Vukile Ntuli uncome uluntu lwale ndawo ngendlela oluwubambe ngayo lo mcimbi ngobuchule watsho ebakhuthaza ukuba basoloko besebenzisana namapolisa ekulweni ulwaphulo-mthetho kwindawo yabo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks