By Buhle Nomgalasa.
UMbutho iDemocratic Alliance (DA) uthi ngaxeshanye uzakufaka isikhalazo esisesikweni malunga nomphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu emva kokuvula izityholo zolwaphulo-mthetho emapoliseni ngoLwesine, umhla weshumi (10) kweyeKhala 2025.
USekela Mbhexeshi oyintloko walo mbutho, uBax Nodada, uthe ikomiti edibeneyo yePalamente ejongene nemigaqo yokuziphatha kunye neminqweno yamalungu izakudibana emva kweentetho eziphikisanayo zikaMphathiswa uMchunu malunga nobudlelwane bakhe nosomashishini onxibelelene nezopolitiko, uBrown Mogotsi.
UMogotsi utyunjwe ngumkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi, njengomntu ekuxelwe ukuba uyayanyaniswa nolwaphulo-mthetho nokungenelela kwezopolitiko kwinkonzo yamapolisa.
Ngenyanga yoKwindla kulo nyaka, uMchunu waye wakhanyela ukuba uyamazi uMogotsi, kodwa kwingxelo yakhe ayenze kudliwano-ndlebe noonondaba esidlangalaleni ngoLwesithathu, uye wavuma ukuba ngenene uyamazi.
UNodada uthe olu tshintsho luchasene ngqo nokukhanyela kwakhe kwangaphambili kwaye kuphakamisa inkxalabo enkulu malunga nokuba wayilahlekisa ngabom iPalamente.
Uthe esi sisenzo solwaphulo-mthetho ngokoMthetho waMagunya, amaLungelo awodwa kunye noKhuseleko lwePalamente kunye neziNdlu zoWiso-mthetho zePhondo.
“Eli lityala liphantsi komthetho oqhelekileyo kunye nomthetho wepalamente. Namhlanje, iDA ibeke isityholo sobuqhophololo kuMphathiswa uMchunu kwisikhululo samapolisa saseKapa. Kwangaxeshanye, siza kufaka isikhalazo esisemthethweni kwikomiti edibeneyo yepalamente malunga nemigaqo yokuziphatha kunye neemfuno zamalungu.”

