23.5 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

Halala kuAnelisa Zono ngokuchongwa njengomsasazi wesiKhululo seSizwe seeNdaba i-SABC.

UAnelisa Zono uMseki ekwanguye noMphathi weliJelo leeNdaba i-EC Indaba, uphila iphupha lakhe lobuntwana ukuya kuba lilizwi elitsha leeNdaba zesiXhosa, e-SABC.

INdlela eya ekufezekiseni amaphupha obuntwana isoloko inemingeni, kwaye nohambo luka-Anelisa Zono lokuba lilizwi leendaba zesiXhosa kwiZiko loSasazo loMzantsi Afrika (SABC) nalo linjalo. Kutshanje uqeshwe kwijelo losasazo leSizwe iSABC, nto leyo ephawula isiganeko esibalulekileyo kumsebenzi wakhe.

Ecinga ngempumelelo yakhe, uZono uthi, “Uhambo lwam lokuba se-SABC belungekho lula kwaphela. Ibisoloko iliphupha lam lobuntwana. Nabani na ondaziyo uyayazi ukuba kudala ndifuna ukuba kumabonakude, ingakumbi ukuba ngumsasazi weendaba ze-SABC, ndifunda iindaba zesiXhosa.”

Ukuthanda kwakhe iindaba zesiXhosa kuphenjelelwe kakhulu nguYisemkhulu owayengumphulaphuli ozinikeleyo wabasasazi abadumileyo abafana noMama uNoxolo Grootboom kunye noZodwa Nogilana.

“Wayesoloko ethi xa endijongile athi indlela endithetha ngayo ifana noNogilana kunye neempawu ezithile zikaGrootboom, loo nto yandenza ndazithanda iindaba ze nephupha kunye nomdla wokuba welijelo ngenye imini lwakhula” utshilo.

Umfanekiso: Anelisa Zono

Uhambo lukaZono kwezosasazo lwaqala ngo-2018 kwiKQFM, ngoku eyaziwa ngokuba yiNkqubela FM yaseGqeberha, nalapho wayethathe inxaxheba kwinkqubo yezenkolo ebhatalelwayo, kanti kukuqala kwakhe ukuthanda unomathotholo. Kuthe kusenjalo, umsebenzi wakhe watshintsha kakhulu xa engena kwisikhululo sikanomathotholo iNgqushwa FM njengomsasazi weendaba isithuba seminyaka emibini de wabe ngenxa yothando lweendaba waziqalela iqonga elitsha.

Ezimisele ukuzenzela eyakhe indlela, uZono uye waphehlelela elakhe ijelo leendaba zesiXhosa kwi-intanethi, i-EC Indaba, iqonga elijolise ekuhambiseni iindaba nemicimbi yangoku ngendlela ebonwayo neviwayo, kwaye ejonge ukuliphuhlisa libe lelona jelo leendaba likhulu eMpuma Kapa.

“Ndandikholelwa ukuba iphupha lam lawukuthi ukuze lifezeke lindifumane ndizenzela into yam endaweni yokulinda ndithandaze koko ndibeke ukholo ezenzweni,” utshilo. Eli jelo leendaba lwaba yindlela yakhe yokubonisa isakhono sakhe kunye nokufumana ukuqatshelwa.

Ukusebenza nzima kunye nephulo lakhe ekugqibeleni laye latsala umdla wabavelisi be-SABC.

Elona thuba walifumanayo ukusondela e-SABC yaba ludliwanondlebe lwakhe eSABC ngephulo lakhe awayelisungula ngeloxesha ngeenjongo zokukhuthaza ulutsha olunezakhona zomsebenzi wezandla kunye nokuzimisela kwimisebenzi yabo eMpuma Kapa, iphulo elibizwa ngokuba yi-Eastern Cape Hustler’s Awards.

Umfaneksio; Anelisa Zono

UZono waqinisekisa koludliwanondlebe ukuba uzakuzithengisa ngokugqwesileyo ngokuthi athethe isiXhosa esiyaa sisulungekileyo.

“Abanye babavelisi bandibona kwaye bacebisa ukuba ndibuye ndize kuphicothwa kwakhona.”

Emva konyaka wophicotho olungqongqo kunye nabanye, wakhethwa njengomgqatswa ophambili.

Kwabasele besakuba ziintatheli, uZono unikela icebiso elisuka entliziyweni: “Umonde ngundoqo, ithemba alibulali.”

Ibali lika-Anelisa Zono libubungqina bokuqina, ukuzinikela, kunye namandla okuhlala unyanisekile kumaphupha akho. Nanjengoko eqhubeleka nohambo lwakhe eSABC, uhlala eyinkuthazo kubantu abasakhulayo kwiingcali zosasazo ezinqwenela ukulandela ekhondweni lakhe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
77 %
2.6kmh
69 %
Fri
22 °
Sat
35 °
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks