Home Iindaba I-2K elibhadlileyo lizithengele iNdlu.

    I-2K elibhadlileyo lizithengele iNdlu.

    “UThixo akaxheshwa, iphupha aliphelelwa yaye umbono awubhangi. Makungabikho namnye uba lixhoba lexesha, ngexesha elifanelekileyo uThixo uyayishwabanisa yonke imfitshimfitshi yezolo ibali lomntu libe litsha.”

    Umfanekiso: UMdidiyeli weeNdaba zesiXhosa ze-SABC, uLilitha Ntsundwani.

    UMdidiyeli weeNdaba zesiXhosa e-SABC oneminyaka engama-25 ubudala uzithengele uMzi.

    Kwiminyaka nje engama-25 ubudala, uLilitha Ntsundwani uye wafikelela kwelinye inqanaba kuhambo lwakhe obelusele luchukumisa, uzithengele indawo yakhe yokuqala. Kuye, oku akuko kuphumelela nje komntu kodwa bubungqina bokomelela kunye nomngeni kwimilinganiselo yoluntu.

    “Ukuzithengela indlu yam yokuqala ndinaleminyaka engama-25 kubonakalisa inkqubela-phambili ekufuneni kwam ubukhulu obungaphaya kwemilinganiselo yoluntu, njengoko kule minyaka yethu nje kulula ukuthandwa xa uleqa ubunewunewu obuqhakazayo ngaphezulu kokufuna uzinzo,” utshilo.

    Umfanekiso: UMdidiyeli weeNdaba zesiXhosa ze-SABC, uLilitha Ntsundwani.

    “Oku ikwa lolunye uphawu loloyiso lokungaze ndivumele imvelaphi yam indibuyisele umva.”

    Ekhuliswe nguMakhulu noTatomkhulu wakhe, ufunde ezilalini zaseMpuma Kapa, uhambo lukaLilitha oluya empumelelweni lwalungekho lula.

    Ubalisa wathi, “Ndikhuliswe nguMakhulu noTatomkulu wam ndifunda ezilalini, eTsholomnqa phantsi kweDolophu yaseMonti, eTwecu, ndayokwenza iBanga le-11 kunye nele-12 (2015 & 2016) eNomaka Mbeki Tech S.S.S, eDutywa.”

    Ukuba ngumntu okhutheleyo apha ebomini kusukela kwintsingiselo yegama lakhe. “Inkuthazo yam kukuhlala ndizinikele kwaye ndikukhuthalele ukuhambelana nentsingiselo yegama lam, uLilitha, nto leyo ethetha ukuba ndilukhanyiso,” utshilo.

    “Ndithobeke ngaphaya komlinganiselo wokuba uThixo endinyule ukuba ndibe ngummeli obambekayo wokwaphula iziqalekiso zesizukulwana, nokuba iqatha kangakanani na imeko yosapho endiphuma kulo.”

    “Nanini na ndicelwa umngeni, uThixo uhlala eyindawo yam yokubalekela apho inkuthazo yam yokuqhubeka ibambelele khona,” utshilo.

    Ukholo lwakhe ludlala indima ebalulekileyo kuhambo lwakhe. “Nanini na ndicelwa umngeni, uThixo uhlala eyindawo yam yokubalekela nalapho inkuthazo yam yokuqhubeka ibambelele khona,” utshilo.

    ULilitha ngeNkampani yakhe, iKwetha Operations (Pty) Ltd, uzimisele ukunikela eluntwini. “Ndinqwenela ukuqhubeka namaphulo okunikela eluntwini, ngokwenza imisitho yokuxhobisa, intsebenziswano, kunye namashishini endiwenza ngenkampani yam ebhalisiweyo, iKwetha Operations (Pty) Ltd, kwaye ndiqaqambisa ngokwenene izenzo ezibonisa elubala isilogeni senkampani esithi, ‘Setting the Rise’”.

    Unika imbeko kuTatomkhulu noMakhulu bakhe abangasekhoyo ngokubumba imbono yakhe yehlabathi. “UTatomkhulu wam ongasekhoyo, uTolo, owayelixhwele nenkokeli yezopolitiko, wandifundisa izinto ezininzi malunga nokuba ngumntu ohluke ngokweengcamango nokuhlala nabantu abohlukeneyo, umakhulu wam ongasekhoyo uMampangela, nowayekubunkokheli enkonzweni, wandifundisa ukuzazi nokuba namandla okuthandaza.”

    Umfanekiso: UMdidiyeli weeNdaba zesiXhosa ze-SABC, uLilitha Ntsundwani.

    Umcebisi okhethekileyo ebomini bakhe nguTitshala wakhe wangaphambili wesikolo samabanga aphakamileyo. “U-Enkosi akanelanga ukubulela ngokwaneleyo kuSindiswa Binase, utitshala wam wesiNgesi kwisikolo samabanga aphakamileyo nosengumcebisi wam wobuchule bokubhala. Waye wandiqeqeshela ubugcisa bokubhala nokuthetha eNomaka Mbeki Tech.S.S.S eDutywa, apho ndenza khona iBanga le-11 ndaza ndaphumelela uMatriki njengoyena mntu uphumelele emagqabini kwesa sikolo.”

    “Ndisaziva ndithobekile ngendlela endaqala ngayo ukuba nguMsasazi weSizwe ngomhla wokuqala (01) kuTshazimpuzi ka-2023, ukusuka eKapa (apho ndenza khona izifundo zam zamabanga aphakamileyo e-CPUT nase-UCT) ndaya eRhawutini ngokuqatshelwa  ngongumphathi wam ngoku, uZodwa Nogilana, ukuze ndibe nguMdidiyeli weeNdaba ze-SABC, oyena mncinane kweliSebe.”

    Umyalezo awugqithisa kulutsha olusakhulayo uthi: “UThixo akaxheshwa, iphupha aliphelelwa yaye umbono awubhangi. Makungabikho namnye uba lixhoba lexesha, ngexesha elifanelekileyo uThixo uyayishwabanisa yonke imfitshimfitshi yezolo ibali lomntu libe litsha.”

    Ibali likaLilitha libubungqina bokunyamezela, ukholo, kunye nokuzinikela ekuguquleni ibali kulutsha lwasemaphandleni, olungathathi ntweni.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks