UMbutho we-African National Congress (ANC) eRhawutini ubhengeze izicwangciso zokurhoxisa uSodolophu wesixeko uKabelo Gwamanda wombutho iAl Jama-ah.
Eli nyathelo liza phakathi kwezigxeko zemibutho yasekuhlaleni malunga nendlela uGwamanda asebenza ngayo, ingakumbi indlela aphethe ngayo unikezelo lweenkonzo ezisisiseko kunye nokuqaliswa kwentlawulo eyongezelelweyo yamakhulu amabini (R200) kubathengi bombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa.
Kwiveki ephelileyo, inkokeli ye-Al Jama-Ah uGanief Hendricks uthe uGwamanda akazukurhoxa.
Nangona kunjalo, isithethi se-ANC eRhawutini uMasilo Serekele ungqinile ukuba lo mbutho ugqibezela uthethathethwano namahlakani amanyeneyo kwaye ufikelele kwisivumelwano ne-Al Jama-ah sokuba uGwamanda asishiye isikhundla sakhe.
USerekele uthi, “Njengoko izinto zimi ngoku, sigqibezela uthethathethwano namaqabane ethu omanyano. Sele sithethathethene no-Al Jama-ah kwaye ngokomgaqo sivumelene ukuba xa ixesha lifika uKabelo Gwamanda uya kusishiya isikhundla sikasodolophu kwaye anike ithuba i-African National Congress ukuba ithathe isikhundla sikaSodolophu. Ngokwamaxesha amisiweyo, uya kuqonda ukuba ezi ntlobo zothethathethwano zintsonkothile. Sikholelwa ukuba kwinani leentsuku ezizayo, sizakuqukumbela iintetho, kukho ubuzaza obungasemva naphambili. ”