Umbutho weANC eMpuma Koloni uzigcinile iiwadi ezintathu emva kolonyulo lovalo sikhewu koomasipala abaliqela kule veki.
I-ANC ithi, iyazingca ngokugcina uWadi-1 kuMasipala waseKoukamma, uWadi-18 woMasipala waseMnquma, kunye noWadi-12 kuMasipala weNgingqi we-Intsika Yethu ngempumelelo engathethekiyo.
Isithethi, uGift Nqondi, uthe olu loyiso bubungqina bokuba inyambalala yabantu ithe gqolo ukuba nentembelo kumbutho wethu ozukileyo kunye neenkokeli zawo.
“Ngokugcina umbutho wabantu njengenkokeli yeendawo abahlala kuzo, inkitha yabantu iyayincoma i-ANC ngomsebenzi omhle osele wenziwe ukusukela kwimpumelelo yezopolitiko ka-1994 yokuphucula ubomi babo.
“Sibulela uluntu lwethu ngokubonakalisa ukuyithemba iANC,” utshilo uNqondi.
Uthe unyulo olubanjwa rhoqo kwilizwe lethu lusisiqinisekiso sokuba idemokhrasi iyaphila kwaye yimbonakaliso ebonakalayo yokuzibophelela kuMqulu weNkululeko.
Ukanti iDA iphumelele iiwadi ezimbini eNelson Mandela Bay.