NgoMvulo umhla wamashumi amabini (20) kaCanzibe iNkundla yoMgaqo-siseko iza kuwisa isigwebo sayo kwisibheno se-IEC esichasene nomyalelo wenkundla yolonyulo malunga nokungenela ugqatso lowayesakuba ngumongameli uJacob Zuma.
INkundla ephakamileyo imamele iingxoxo ebutsheni bale nyanga malunga nokutolikwa okuchanekileyo kweCandelo 47(1)(E) loMgaqo-siseko – elilawula ukuba ngubani ofanele ukuba lilungu leNdlu yoWiso-Mthetho.
Ityala le-IEC lijonge ukuzisa isiphetho kwingcaciso echanekileyo nokuba siyasebenza na kowayesakuba ngumongameli uZuma, nogwetywe iinyanga ezilishumi elinesihlanu entolongweni ngenxa yokudelela kwaloo nkundla inye.
By Anita Qubula.
