I-DA iqinisekile ukuba abezomthetho bazithathela ingqalelo izityholo zabo kubaphathiswa.

By Buhle Nomgalasa.

Umbutho iDemocratic Alliance (DA) uthi uqinisekile ukuba ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho kubaphathiswa beAfrican National Congress (ANC) kujongwa ngokuqatha ngabomthetho.

Umbutho utyhola abaphathiswa ababini kwiiveki ezimbini ngokulahlekisa nokuxoka ePalamente.

Kwiveki ephelileyo ibinguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uNobuhle Nkabane malunga nokhetho lwebhodi yeSETA kwaye esithi.

NgoLwesine, lo mbutho uvulele uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ngezityholo zolwaphulo-mthetho, umtyhola ngokuxoka ePalamente ngethuba ekhanyela ukuba uyamazi uBrown Mogotsi, ekutyholwa ukuba uye waphembelela kwanokungenelela kwizigqibo zamapolisa. UBax Nodada weDA uthe umbutho kufuneka uthathele amanyathelo ngakumphathiswa wamapolisa.

“Sikwenze oku kwiintsuku nje ezisithoba ezidlulileyo kumphathiswa wemfundo ephakamileyo noqeqesho, ngoku ophandwa ngokuthe ngqo ngooKhetshe, oku kuthetha ukuba la matyala obuqhophololo nokuxoka ePalamente athathelwa ingqalelo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.8 ° C
11.8 °
11.8 °
90 %
2.7kmh
12 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA