15 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

I-DA iqinisekile ukuba abezomthetho bazithathela ingqalelo izityholo zabo kubaphathiswa.

By Buhle Nomgalasa.

Umbutho iDemocratic Alliance (DA) uthi uqinisekile ukuba ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho kubaphathiswa beAfrican National Congress (ANC) kujongwa ngokuqatha ngabomthetho.

Umbutho utyhola abaphathiswa ababini kwiiveki ezimbini ngokulahlekisa nokuxoka ePalamente.

Kwiveki ephelileyo ibinguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uNobuhle Nkabane malunga nokhetho lwebhodi yeSETA kwaye esithi.

NgoLwesine, lo mbutho uvulele uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ngezityholo zolwaphulo-mthetho, umtyhola ngokuxoka ePalamente ngethuba ekhanyela ukuba uyamazi uBrown Mogotsi, ekutyholwa ukuba uye waphembelela kwanokungenelela kwizigqibo zamapolisa. UBax Nodada weDA uthe umbutho kufuneka uthathele amanyathelo ngakumphathiswa wamapolisa.

“Sikwenze oku kwiintsuku nje ezisithoba ezidlulileyo kumphathiswa wemfundo ephakamileyo noqeqesho, ngoku ophandwa ngokuthe ngqo ngooKhetshe, oku kuthetha ukuba la matyala obuqhophololo nokuxoka ePalamente athathelwa ingqalelo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
62 %
5.5kmh
93 %
Fri
15 °
Sat
32 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks