Home Iindaba I-EFF ikhusela uqhankqalazo olumalunga nePhala Phala kwiNkundla yoMgaqo-siseko

I-EFF ikhusela uqhankqalazo olumalunga nePhala Phala kwiNkundla yoMgaqo-siseko

I-Economic Freedom Fighters (EFF) ithi ukutoyi-toya kwayo kwiNkundla yoMgaqo-siseko, ifuna ukuba kukhululwe isigwebo sefama iPhala Phala, asiyondlela yokuqhuba unyulo.

Eli qela lithathe le nyewe layisa kwiNkundla ePhakamileyo kunyaka ophelileyo emva kokuba iPalamente ichithe ingxelo efumanise ukuba uMongameli uCyril Ramaphosa kusenokwenzeka ukuba waphule uMgaqo-siseko.

Lombhodamo unxulumene nemali eninzi yangaphandle efunyenwe kwifama yakhe yaseLimpopo ngo-2020.

I-EFF iqalise umngcelele ngoLwesithathu umhla weshumi elinanye (11) kweyoKwindla, ikhankanya ukuba izimisele ukutoyi-toya inyanga nenyanga de kukhutshwe ingxelo.

Isithethi se-EFF saseGauteng uDumisani Baleni uthe zonke iziko kweli lizwe kufuneka zisebenzele abantu, yiyo loo nto beqhubeka nokufaka uxinzelelo kwiinkundla.

Ethetha nabeendaba i-Eye Witness uBaleni uthe “Ithetha ngokugxothwa, oko kuthetha ukuba, ukuba ufunyaniswa enetyala, umongameli usenokuba yinkqubo yokususwa.”

Uyongeza ngelithi le nyewe ayiyoyomntu kodwa imalunga nokugcina uMgaqo-siseko welizwe.

“Ithetha ngemigaqo ekufuneka isetyenziswe kulo lonke ilizwe, ukuba awukwazi ukumangalela umongameli, awukwazi ukumangalela inkulumbuso, usodolophu, ooceba kunye nento elandelayo esiphila kuluntu oluqhekekileyo.” Uvale ngelitshoyo uBaleni kwi-Eye Witness

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks