USihlalo weKomishini yoNyulo eZimeleyo (IEC) uMosotho Moepya ubulele abemi boMzantsi Afrika abangaphaya kwama-500 000 abatyelele izikhululo zovoto kwilizwe lonke beyokubhalisa kwaye bajonge iinkcukacha zabo zobhaliso phambi konyulo luka-2024.
UMoepya uthi kwabhalwa ama-34 293 abantu ababhalise kwi-intanethi.
Uthi umyinge wamashumi alithoba anethoba ekhulwini (99%) wezikhululo zokuvota zivulwe kwangexesha, kodwa wathi kukho iingxaki ezincinci kwezinye iindawo.
UMoepya uthi, “Bathandathu bebonke abantu ababeqhankqalaza kwaye kwezo ndawo, izikhululo zethu zahlala zivuliwe nangona ngamaxesha athile. Sifuna ukuthi kubemi boMzantsi Afrika, ukuba nifuna ukuvakalisa izikhalazo zenu ngazo zonke iindlela uMgaqo-siseko wethu uyavuma, kodwa kufuneka ungabinampembelelo kwabanye.”
I-IEC ithi iza kukhupha amanani ahlanganisiweyo empelaveki yobhaliso ngoLwesibini.
