12.5 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

I-IEC inikwe iintsuku ezi-5 ukuba iphendule ngokuvuza koluhlu lwabagqatswa bombutho we-ANC neMK

I-Information Regulator ithi inike iKomishini yolonyulo iintsuku ezintlanu ukuba iphendule kwisaziso solwazi ebesibhekisa kule komishini.

Oku kuza emva kokuba umlawuli eqinisekisile ukuba ufumene izaziso ezimbini ezivela kwi-IEC malunga nokuphulwa kokhuseleko okubangele ukukhutshwa ngokungekho mthethweni koluhlu lwabagqatswa beANC kunye noMkhonto weSizwe ngempelaveki.

Emva kwesi sehlo, ikomishini yolonyulo iqinisekise isizwe ukuba iyawuphanda lo mba.

Isigqeba esilawulayo esijongene noMthetho woKhuseleko lweNgcaciso yoMntu (POPIA) uAdvocate Tshepo Boikanyo uthi Apho kukho ukungavisisani kwezokhuseleko ngolu hlobo, nabo bafuna ukuseka izinto ezithile. “Enye yezinto esifuna ukuziseka ngamanyathelo okhuseleko nokuba, umbutho ekuthethwa ngawo i-IEC eliqela elinoxanduva, uthathe amanyathelo afanelekileyo nobuchule ukuthintela nakuphi na ukufikelela ngokungekho mthethweni kulwazi lobuqu ekuthethwa ngalo. Ubuya kwazi ukuba iCandelo le-19 le-POPIA lithi naliphi na iqela elinoxanduva elineenkcukacha zobuqu kufuneka liqinisekise ukuba likhusela intembeko yolo lwazi.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
72 %
7.9kmh
51 %
Sun
10 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
20 °
Thu
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks