Home Iindaba I-IEC kubavoti abancinci baseMzantsi Afrika: ‘Sonke kufuneka sithathe inxaxheba kwintando yesininzi’

    I-IEC kubavoti abancinci baseMzantsi Afrika: ‘Sonke kufuneka sithathe inxaxheba kwintando yesininzi’

    IKhomishini yoNyulo eZimeleyo (i-IEC) ikhuthaze abafundi ukuba basasaze ukubaluleka kokuvota ukuze batsale ulutsha oluninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba luthathe inxaxheba kunyulo.

    Kulindeleke ukuba abantu baseMzantsi Afrika bavote kunyulo oluzayo loorhulumente basekhaya, olunokubanjwa ekupheleni konyaka okanye ekuqaleni konyaka ozayo.

    Nangona kunjalo, ikhomishini ithe kusekho umsantsa omkhulu ekufuneka uvalwe xa kufikwa kubantu abancinci abangabhaliselanga ukuvota.

    Njengoko i-IEC imisele impelaveki yokubhalisa abavoti ngenyanga yeSilimela ka-2026, ngoku ihamba imini nobusuku ukuze ifumane ulutsha oluninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba lubhalisele ukuvota.

    NgoLwesithathu umhla weshumi elinanye (11) kweyoKwindla, ithathe iphulo layo lokufundisa abavoti yaya kwiYunivesithi yeTekhnoloji yaseDurban ukuze ikhanyise.

    “Sinethemba lokufezekisa oku ngokubambisana kwenu njengeenkokheli ezithatha lo myalezo ovakalisa ubizo olucacileyo kumakhaya ethu, kwiindawo esihlala kuzo, kwiintsapho nakubahlobo bethu sonke esifuna ukuba sithathe inxaxheba kwintando yesininzi,” utshilo usekela-sihlalo we-IEC, uGlen Mashinini ethetha nabeendaba be Eye Witness.

    Wongeze ngelithi ulutsha olungavotiyo lukude kakhulu ekubumbeni ikamva.

    “Ukuba awubhaliswanga, awuyi kuvota, baza kuqatshelwa njani abantu abatsha? Bangatsho njani ukuba baza kuyichaphazela imo kunye nesikhokelo sobunkokeli esinabo kwilizwe lethu?”

    Le khomishini ikwakhuthaze abavoti abafanelekileyo ukuba basebenzise inkqubo yayo yokubhalisa kwi-intanethi.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks