Home Ezemidlalo I-Isaac Booi kumakhwenkwe neMbasa kumantombazana bayokumela iGqeberha eMonti

    I-Isaac Booi kumakhwenkwe neMbasa kumantombazana bayokumela iGqeberha eMonti

    Bekudlala izikolo zabantwana bamabanga aphantsi kwibhola ekhatywayo yamantimbazana namakhwenkwe eGqeberha, izikolo bezohlula-hlulwe ngokweegroup.

    Kuphumelele izikolo ezintathu(3) kuphela kumantombazana, ezo ibe yiMbasa, iIsaac Booi neMelumzi.

    Kuye kwadlalwa ipoint System nalapho iMbasa girls ibethe i-Isaac Booi girls ngamanqaku amahlanu kwamabini(5-2), yaphinda iMbasa girls yabetha iMelumzi girls ngamanqaku amathathu kwelinye(3-1), iMbasa girls ibe yiyo ephumelelayo.

    Kumakhwenkwe nalapho badlale ipoint system nalapho kumagqibela kankqoyi i-Isaac Booi iye yabetha iAlexander Road ngenqaku elinye eqandeni(1-0).

    Amaqela aphumeleleyo ayokudlala eMonti, lawo yiMbasa girls ne-Isaac Booi boys.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks